Bunjani uBukumkani bukaThixo?
Ndingasithelekisa nantoni na?
Bunjengokhozo lwemostade awaluthabathayo umntu
watyalwa emyezweni.
Yakukhula yaba lityholo elikhulu
zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo.
(IVangeli yanamhlanje)
EKanye ngaloo mini, sithandaza la mazwi: “Mabufike ubukumkani bakho, makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa eZulwini.” UYesu ngewayengazange asifundise ukuthandaza ngaloo ndlela ngaphandle kokuba sasilindele ukuba uBukumkani bufike. Kwangelo xesha linye, amazwi okuqala eNkosi yethu kubulungiseleli bakhe ayesithi:Qhubekeka ukufunda